I
 

INYEMBEZI zihle ngezidlele xa ebukele unyana wakhe
esibhedlele. lintsuku nje ezintlanu
ngaphambilana ebekhupha izithonga ezimandla kodwa uEdward Ramathape
uye echacha kwicoma emhlasele iintsuku ezintlanu emva kokuba wawa xa kwakuphela umjikelo wesithandathu esilwa noReginald Martins eWembley Stadium eJohannesburg .
Andifuni kulahlekelwa ngunyana wam ngenxa yamanqindi. Sokuze ndimvumele abuyele emanqindini, utshilo uKgomotso osuke eSeshego ePietersburg esiya kuEddy oseUnion Hospital eAlberton .
Oogqirha abanyanga uEddy bavumelene naye. Bathi
kububulumko xa le mbethi manqindi eminyaka ingama-27 yasePietersburg kwiPhondo lasemNtla ingabuyeli emanqindini. Kudla ngokwenzeka ukuba xa umguli ephila xa ebesopha enocinezeleko ebuchotsheni, ubuchopho buba buthathaka kuze kuthi xa entlithwa entloko kanye okanye kabini kwenzeke umonakalo. Asazi ukuba ubunjani bempilo kaEddy buya kuba njani.
UEddy ulwe imilo eli-10, ukhwitshe kwemi-5, bamkhwitsha kwemi-3, balwa balingana kwemi-2. Uqeqeshwe nguOscar Mthimunye, ukanti uHope Sole abakhe bakhwitshana uphila ngokuhlala esitulweni esinamavili emva
kokwenzakala komnye wemilo yamanqindi.
Ukuba imbangi yoku kwaba yintoni, andazi. Ndicinga ukuba kofuneka ndahlukane namanqindi. Ndiphatheka kakubi ngokwenzeke kuEddy , akakho owaziyo ukuba kuza kwenzeka ntoni kuye.
M
 hlawumbi uEddy uya kuba nako ukutatsalaza njengenye imbethi manqindi eyenzakala eqongeni lawo nengunogada, Iowo nguGeorge Mbatha (onama-31). Mini wenzakala wayengunamba 8 kwiimbethi manqindi zaseMzantsi Afrika, uMbatha wayesethubeni lokuba abe yenye yeentshatsheli kweli. Kodwa amathemba akhe atshatyalaliswa kukwenzakala ebuchotsheni xa
38 BONA XHOSA -  March 2000
